Surprise Me!

Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa - Seso Sichithamzi uGawulayo

2014-10-29 3 Dailymotion

Oko kwabakho wena kulizulu lezijwili,
Bukho Bakho Obo!
Oko saxhalaba ngaphakathi luxhwaleko,
Bukho Bakho Nabo!
Kanti ulundwendwe olutheni olungade luhambe?
Ulihashe lini elinganxanwa noxa lidiniwe?
kukakade unxanelwe thina,
Xolela mhlonitsha umyalezo siwufumene,

Ngqondo zethu zingqulequ ezikrunekileyo,
Mehlo ethu adumbile ziinyembezi,
Ntliziyo zixhwalekile,
Inene sanele ngoku!
Kwazimpondo zankomo kugqunyelelw'imizimba,
Kwakukuwa kweenkukhu iphumile imiphefumlo,
Koze kube nini na sicand'olu dada?
Kwakudala ngoko,
apho sasingqawa sifuna uncedo macala,
Sithini ke ngoku kuba sanele?

Yini ungathathi konke ushiye esibathandayo,
Ncwaso luni lona olu lwakho?
Nanga amasimi sikunikezile,
Naz'impahla kuquka iinkomo sikujulele,
Kodwa wena uthatha esibathandayo,

sitsho sanyeke-nyeke ziintlungu,
zingqongqo iingcamango bubunzulu beenkumbulo
Siwuvule gengelele umlomo kuba usahlule,
kuwe zalima zibhenel'etyeni utshabalalisa,
Ugxabha-gxabhisa nje ufuna ntoni?
Umhunyha-mhunyha iintsana zethu nje,
Wena uzalwa nguban?
Uxolo!

Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

http://www.poemhunter.com/poem/seso-sichithamzi-ugawulayo/

Buy Now on CodeCanyon